1 Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Umhobe ka-Asafu. Ingoma. Waziwa kwaYuda uThixo, Likhulu kwaSirayeli igama lakhe."
2 Umnquba wakhe waba seSalem, Nekhaya lakhe eZiyon."
3 Wayaphula apho imibane yesaphetha, Ingweletshetshe, nekrele, nezixhobo zemfazwe. (Phakamisani.)"
4 Ukhanyile, uyingangamsha ngaphezu kweentaba zokuqwenga."
5 Babhunyulwe abantliziyo iyimbalasane, Balala umlala kanye, Akazifumana izandla zawo onke amakroti."
6 Ekukhalimeni kwakho, Thixo kaYakobi, Kwasindwa bubuthongo iinqwelo zokulwa namahashe."
7 Unguwena wena woyikekayo; Ngubani na onokuma phambi kwakho, wakuba nomsindo?"
8 Emazulwini usivakalisile isigwebo; Loyika ihlabathi, lazola,"
9 Ekusukeni kukaThixo ukuba agwebe, Abasindise bonke abalulamileyo behlabathi. (Phakamisani.)"
10 Ngokuba ubushushu bomntu buya kuba ngumbulelo kuwe; Uya kuwabhinqa amasalela obushushu."
11 Bhambathisani, nisizalise isibhambathiso kuYehova uThixo wenu; Bonke abamngqongileyo mabeze nezithabathaba kofanele kukoyikwa."
12 Uya kunqumla ukufutha kweenganga, Uyoyikeka kookumkani behlabathi."