1 Kumongameli. KuYedutun. Eka-Asafu. Umhobe. Izwi lam lisingisa kuThixo, ndikhala; Izwi lam lisingisa kuThixo, ukuba andibekele indlebe."
2 Ngemini yokubandezelwa kwam ndiquqela eNkosini yam; Isandla sam solukile ebusuku, asaqoba; Awavuma ukuthuthuzeleka umphefumlo wam."
3 Ndikhumbula uThixo, ndincwine; Ndithelekelele, utyhafe umoya wam. (Phakamisani.)"
4 Uzibambile iinkophe zamehlo am, Ndikhandiwe, andaba nakuthetha."
5 Ndicinga ngemihla yamandulo, Iminyaka yasephakadeni;"
6 Ndiya kukhumbula ebusuku ukubetha kwam uhadi; Ndithetha nentliziyo yam, uphengulula umoya wam."
7 Ndithi, Iya kundihlamba ngonaphakade na iNkosi yam, Ingabi saphinda iphathe ngetarhu na?"
8 Iphele yaphela na inceba yayo? Sigqibele na isithembiso sayo kwisizukulwana ngesizukulwana?"
9 UThixo ukulibele na ukubabala? Uyivingcele ngomsindo kusini na imfesane yakhe? (Phakamisani.)"
10 Ndide ndithi ke, Sisifo sam esi; Yiminyaka yesandla sokunene sOsenyangweni."
11 Ndikhankanya izenzo ezincamisayo zikaYehova; Ngokuba ndikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo yamandulo."
12 Ndicamanga ngako konke ukusebenza kwakho, Ndithelekelele ngezenzo zakho zonke ezincamisayo."
13 Thixo, isebungcweleni indlela yakho; Ngubani na onguthixo omkhulu njengoThixo wethu?"
14 UnguloThixo, wenza ngokubalulekileyo; Wawazisa amandla akho ezizweni,"
15 Wabakhulula ngengalo abantu bakho, Oonyana bakaYakobi noYosefu. (Phakamisani.)"
16 Akubona amanzi, Thixo, Akubona amanzi, azibhija-bhija, Ewe, agungqa amanzi enzonzobila;"
17 Amafu engqingqwa aphalaza amanzi, Isibhakabhaka savakalisa isandi; Ewe, iintolo zakho zahamba-hamba."
18 Izwi lendudumo yakho laba sesaqhwithini, Imibane yalikhanyisa elimiweyo, Lagungqa lanyikima ihlabathi."
19 Yaba selwandle indlela yakho, Nomendo wakho waba semanzini amaninzi; Awaziwa umkhondo wakho."
20 Wabakhokela njengezimvu abantu bakho, Ngesandla sooMoses noAron."