1 Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. Umhobe ka-Asafu. Ingoma. Siyabulela kuwe, Thixo, siyabulela; Lisondele igama lakho; Babalisa imisebenzi yakho ebalulekileyo."
2 Ngokuba uthi, Ndiya kwenza ngexesha elimisiweyo, Mna ndiya kugweba ngokuthe tye."
3 Liyetha amandla ihlabathi, nabemi balo; Ke mna, ndizizinzisile iintsika zalo. (Phakamisani.)"
4 Ndithi kubaqhayisi, Musani ukuqhayisa; Nakwabangendawo, Musani ukuphakamisa uphondo;"
5 Musani ukuluphakamisela phezulu uphondo lwenu, Ningathethi ngokusa, nolule intamo."
6 Ngokuba ugwebo aluveli empumalanga nasentshonalanga, Nasentlango yeentaba."
7 Hayi, nguThixo ogwebayo; Uyamthoba lo, amphakamise lowa."
8 Ngokuba indebe isesandleni sikaYehova, Iphuphuma igwebu lewayini, izele yephithikeziweyo. Uthulula kuyo; ewe, iintlenga zayo Ziya kuselwa zifincwe ngabangendawo bonke behlabathi."
9 Ke mna ndiya kushumayela ngonaphakade, Ndiya kuvuma kuThixo kaYakobi;"
10 Zonke iimpondo zabangendawo ndiya kuzixakaxa, Iimpondo zelungisa ziya kuphakanyiswa."