1 Haleluya! Dumisani uYehova emazulwini; Mdumiseni ezindaweni eziphezulu."
2 Mdumiseni, nonke zithunywa zakhe; Mdumiseni, nonke mikhosi yakhe;"
3 Mdumiseni, wena langa, nawe nyanga; Mdumiseni, nonke zinkwenkwezi zinokukhanya;"
4 Mdumiseni, mazulu awo amazulu, Nani, manzi angaphezu kwezulu."
5 Mazilidumise ezo nto igama likaYehova; Ngokuba wawisa umthetho, zadalwa."
6 Wazimisa ngonaphakade kanaphakade, Wazimisela ummiselo ezingayi kuwugqitha."
7 Dumisani uYehova ehlabathini, Nina bominenga, nani nonke, manzi enzonzobila:"
8 Wena mlilo, nawe sichotho; wena khephu, nawe msi; Moya uvuthuzayo, ulenzayo ilizwi lakhe;"
9 Nina zintaba, nani zinduli nonke, Nina mithi eneziqhamo, nani misedare nonke;"
10 Nina marhamncwa, nani zinkomo nonke, Nina zinambuzane, nani zintaka zinamaphiko;"
11 Ookumkani behlabathi, nezizwe zonke, Abathetheli nabagwebi behlabathi lonke;"
12 Umlisela kwanomthinjana, Amadoda amakhulu kunye nabafana:"
13 Mabalidumise igama likaYehova, Ngokuba liyingxonde igama lakhe yena yedwa; Indili yakhe ingaphezu komhlaba nezulu."
14 Wabaphakamisela abantu bakhe uphondo, Lwayindumiso kwabakhe benceba bonke, Koonyana bakaSirayeli, abantu abasondeleyo kuye. Haleluya!"