1 Haleluya! Mvumeleni uYehova ingoma entsha, Indumiso yakhe ebandleni labenceba."
2 USirayeli makavuye ngoMenzi wakhe; Usapho lwaseZiyon malugcobe ngoKumkani walo."
3 Mabalidumise igama lakhe beqamba, Bembethela ingqongqo nohadi."
4 Ngokuba uYehova uyakholiswa ngabantu bakhe, Uyabahombisa abalulamileyo ngoloyiso."
5 Mabadlamke benozuko abenceba, Mabamemelele besezililini zabo."
6 Yimibongo kaThixo emqaleni wabo, Likrele elintlangothi mbini esandleni sabo;"
7 Ukuze benze impindezelo ezintlangeni, Izohlwayo ezizweni;"
8 Bakhonkxe ookumkani bazo ngemixokelelwane, Nabazukileyo kuzo ngamakhamandela esinyithi;"
9 Benze kubo isiko elibhaliweyo. Luzuko olo lwabakhe benceba bonke. Haleluya!"