Salmos 147

GL_XHOSA

1 Haleluya! Ngokuba kulungile ukuvuma ngoThixo wethu; Ngokuba kumnandi, ifanelekile indumiso."

2 Umakhi weYerusalem nguYehova; Abagxothwa bakwaSirayeli ubabuthela khona."

3 Ulophilisa abaphuke intliziyo, Abophe amanxeba abo;"

4 Ulobala inani leenkwenkwezi, Ezibiza zonke ngamagama."

5 Inkulu iNkosi yethu, inamandla amakhulu; Ingqondo yayo ayiphele ndawo."

6 Ulophakamisa abalulamileyo nguYehova, Uthobela abangendawo emhlabeni."

7 Hlabelani kuYehova eyokubulela, Mbetheleni uhadi uThixo wethu."

8 Ulosibekelisa izulu ngamafu, Ulolungisela umhlaba imvula; Ulontshulisa utyani ezintabeni;"

9 Ulonika inkomo ukudla, Namathole ehlungulu alilayo."

10 Akabunanze nganto ubugorha behashe, Akakholiswa zizitho zendoda;"

11 UYehova ukholiswa ngabamoyikayo, Abalinde inceba yakhe."

12 Mncome uYehova, Yerusalem. Mdumise uThixo wakho, Ziyon:"

13 Ngokuba eyomelezile imivalo yamasango akho, Ebasikelele abantwana bakho phakathi kwakho."

14 Ngulomisa uxolo emideni yakho, Wakuhluthisa ngengqolowa etyebileyo."

15 Ulothumela intetho yakhe ehlabathini, Ilizwi lakhe ligidima ngokukhawuleza;"

16 Ulonika ikhephu njengoboya bezimvu, Ugcwayela iqabaka njengothuthu,"

17 Ephosa umkhenkce wakhe njengamaqhekeza; Ngubani na onokuma phambi kwengqele yakhe?"

18 Uthumela ilizwi lakhe, ezo nto azinyibilikise; Uvuthuzisa umoya wakhe, aqukuqele amanzi."

19 Uloxelela uYakobi ilizwi lakhe, USirayeli imimiselo yakhe namasiko akhe."

20 Akenjanga ngalo kolunye uhlanga, Namasiko aluwazi. Haleluya!"

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado