Salmos 54

GL_XHOSA

1 Eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Kumongameli. Eyokuqiqa. EkaDavide: ekufikeni kwabaseZifi, bathi kuSawule, UDavide akazimele phakathi kwethu na? Thixo, ndisindise ngegama lakho, Uligwebe ityala lam ngobugorha bakho."

2 Thixo, yiva umthandazo wam; Wabekele indlebe amazwi omlomo wam."

3 Ngokuba abasemzini basukela phezulu kum, Nabanobungqwangangqwili bafuna umphefumlo wam; Abammisi uThixo phambi kwabo. (Phakamisani.)"

4 Yabona, uThixo ngumncedi wam; INkosi yam ikwabasekela umphefumlo wam."

5 Uya kubuyisela ububi kwabandilalelayo; Ngenyaniso yakho babhangise."

6 Ndiya kubingelela kuwe ngokuqhutywa yintliziyo; Ndiya kubulela kwigama lakho, Yehova, kuba lilungile."

7 Ngokuba lindihlangule embandezelweni yonke; Iliso lam libonela iintshaba zam."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado