Salmos 53

GL_XHOSA

1 Kumongameli: ngeyokhuzo. Eyokuqiqa; ekaDavide. Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo. Bonakalisile, balisikizi ngobugqwetha babo; Akukho wenza okulungileyo."

2 UThixo esemazulwini uqondele koonyana babantu, Ukubona ukuba ukho na oqiqayo, Ofuna uThixo."

3 Bonke babuye umva, bayimbozisa bephelele; Akukho wenza okulungileyo, Akukho nokuba abe mnye."

4 Abanakwazi na abasebenzi bobutshinga, Abathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka, Bangamnquli uThixo?"

5 Apho bankwantya benkwantyile, phofu kungekho nto inkwantyisayo; Ngokuba uThixo wawathi saa amathambo omngqingi wakho; Wabadanisa, ngokuba uThixo ebebacekisile."

6 Akwaba bekuvela eZiyon ukusindiswa kwamaSirayeli! Ekubuyiseni kukaThixo abantu bakhe ekuthinjweni, Wogcoba uYakobi, avuye uSirayeli."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado