1 Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu, Izizwe zicamange into engeyakonto?"
2 Ookumkani behlabathi bazimisile, Izidwangube zabhunga NgoYehova nangoMthanjiswa wakhe;"
3 Besithi, Masiziqhawule iimbophelelo zabo, Sizilahle izintya zabo kuthi."
4 Ohleli emazulwini uyahleka, INkosi iyabagculela."
5 Iya kwandula ithethe kubo ngomsindo wayo, Ibakhwankqise ngokuvutha kwayo."
6 Ithi, Mna ke ndimmisile ukumkani wam Phezu kweZiyon, intaba yam engcwele."
7 Athi yena, Ndiya kuwuvakalisa ummiselo: UYehova uthe kum, UnguNyana wam wena; Mna namhla ndikuzele."
8 Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho, Iziphelo zehlabathi zibe zezakho."
9 Uya kuzivikiva ngentonga yentsimbi, Uzihlekeze, zinge zizitya zodongwe."
10 Ngoko ke, nina bokumkani, qiqani; Bagwebi basehlabathini, yalekani."
11 Mkhonzeni uYehova nisoyika, Gcobani nithuthumela."
12 Mangeni uNyana, hleze aqumbe, nitshabalale endleleni, Ngokuba ungahle uvuthe umsindo wakhe. Hayi, uyolo lwabo bonke abazimela ngaye!"