Salmos 1

GL_XHOSA

1 Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo, Ongemiyo endleleni yaboni, Ongahlaliyo embuthweni yabagxeki!"

2 Yena unonelela umyalelo kaYehova; Ucamanga ngomyalelo wakhe imini nobusuku:"

3 Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo, Ogqabi lawo lingabuniyo; Konke akwenzayo kophumelela."

4 Abanjalo abangendawo; Bona banjengomququ ophetshethwa ngumoya."

5 Ngenxa yoko abangendawo abanakuma emgwebeni, Naboni ebandleni lamalungisa."

6 Ngokuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa; Ke yona indlela yabangendawo iya kudaka."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado