Salmos 113

GL_XHOSA

1 Haleluya! Dumisani, bakhonzi bakaYehova, Dumisani igama likaYehova."

2 Malibongwe igama likaYehova, Kususela ngokunje, kude kuse ephakadeni."

3 Kwasekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo, Malidunyiswe igama likaYehova."

4 Uphakamile ngaphezu kweentlanga zonke uYehova, Bungaphezulu kwamazulu ubuqaqawuli bakhe."

5 Ngubani na onjengoYehova, uThixo wethu? Ulohlala phezulu;"

6 Uloqondela phantsi; Ezulwini nasemhlabeni?"

7 Ulomvusa eluthulini osweleyo, Ulomphakamisa ezaleni olihlwempu,"

8 Ukuba amhlalise namanene, Amanene abantu bakhe;"

9 Ulohlalisa endlwini umfazi ongazaliyo, Abe ngunobantwana ovuyayo. Haleluya!"

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado