1 Haleluya! Hayi, uyolo lomntu omoyikayo uYehova, Oyinoneleleyo kunene imithetho yakhe!"
2 Iya kuba nobugorha ehlabathini imbewu yakhe; Isizukulwana sabathe tye sisikelelwe."
3 Bubuncwane nobutyebi endlwini yakhe; Ubulungisa bakhe buhlala bumi."
4 Baphunyelwa kukukhanya ebumnyameni abathe tye, Benobabalo, nemfesane, nobulungisa."
5 Unoyolo umntu obabalayo, aboleke; Uya kuyimisa intetho yakhe ematyaleni."
6 Ngokuba akayi kushukunyiswa naphakade; Uya kuba lilungisa elikhunjulwa ngonaphakade."
7 Akoyikiswa ziindaba ezimbi; Iqinisekile intliziyo yakhe, ikholose ngoYehova."
8 Izimasekile intliziyo yakhe, akoyiki; Uya kuda ababonele ababandezeli bakhe."
9 Uyahlakaza, upha amahlwempu; Ubulungisa bakhe buhlala bumi, Uphondo lwakhe luphakamile, lunozuko."
10 Ongendawo yena uya kukubona, aqumbe, Atshixize amazinyo, anyibilike; Umnqweno wongendawo uyadaka."