Oséias 9

GL_XHOSA

1 Musa ukuvuya, Sirayeli, ude ugcobe njengezizwe: ngokuba uhenyuzile, wemka kuThixo wakho; uthande utshequ ezandeni zonke zengqolowa."

2 Isanda nesixovulelo seoli asiyi kubondla, newayini entsha iya kunidanisa."

3 Abayi kuhlala ezweni likaYehova; uEfrayim uya kubuyela eYiputa, badle izinto eziyinqambi eAsiriya."

4 Abayi kumthululela uYehova iwayini, ayiyi kuba mnandi kuye nemibingelelo yabo; ukudla kwabo kubo kuya kuba njengesonka sabalilayo. Bonke abakudlayo baya kuba ziinqambi; ngokuba ukudla kwabo kuya kuba kokwabo, akuyi kungena endlwini kaYehova."

5 Nothini na ngemini yexesha elimisiweyo, nangemini yomthendeleko kaYehova?"

6 Kuba, yabonani, bemkile ngenxa yembuqo; iYiputa iya kubabutha, iMofi iya kubangcwaba; izinto zabo ezinqwenelekayo zesilivere ziya kuhluthwa ngamarhawu; yimithi enameva ezintenteni zabo."

7 Kufike iimini zokuvelela, kufike iimini zempindezelo; uya kwazi uSirayeli. Umprofeti sisimathane, ngumbhudi indoda enomoya, ngenxa yobukhulu bobugwenxa bakho nokutshutshisa okuninzi."

8 Ngumboniseli uEfrayim ngakuThixo wam; umprofeti ngumgibe womthiyeli ezindleleni zakhe zonke, uyintshutshiso endlwini yoThixo wakhe."

9 Batshonisile ukonakalisa kwabo, njengokwemihla yaseGibheha; uya kubukhumbula ubugwenxa babo, uya kuzivelela izono zabo."

10 Ndamfumana uSirayeli enjengeediliya entlango; ndababona ooyihlo benjengamakhiwane aqalelayo emkhiwaneni, ekuqaleni kwawo; basuka bona baya kuBhahali-pehore, bazahlulela entweni eziintloni, baba yinto enezothe, njengesithandane sabo."

11 UEfrayim, uzuko lwakhe luya kubaleka, lumke njengentaka; kungabikho kuzala, nakumitha, nakukhawula."

12 Ewe, nokuba bathe bakhulisa oonyana, ndobahlutha abantwana, kungabikho luntu. Yeha ke bona, ekusukeni kwam kubo!"

13 Ngoko ndazibonela uEfrayim, ukuba abe yiTire, etyelwe ekriweni; kodwa uEfrayim uya kubakhuphela kumbulali oonyana bakhe."

14 Banike, Yehova; wobanika ntoni na? Banike isisu esiphumayo, namabele awomileyo."

15 Bonke ububi babo buseGiligali; kuba ndaqala ukubathiya khona. Ngenxa yobubi beentlondi zabo, ndiya kubagxotha endlwini yam; andiyi kuphinda ndibathande; bonke abathetheli babo baziinjubaqa."

16 Ubethiwe uEfrayim, ingcambu yabo yomile; abayi kuxakatha siqhamo. Nokuba bathe bazala, ndozibulala izinto ezinqwenelekayo zesisu sabo."

17 UThixo wam uya kubacekisa, kuba bengamphulaphulanga; baya kuphalaphala ezintlangeni."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado