Oséias 8

GL_XHOSA

1 Beka isigodle emlonyeni wakho. Utshaba luyirhiwula indlu kaYehova njengexhalanga; ngenxa yokuba bewugqithile umnqophiso wam, bakreqa kumyalelo wam."

2 Baya kukhala kum, bathi, Thixo wethu, siyakwazi, thina Sirayeli."

3 Iyanuka kuSirayeli into elungileyo; utshaba malumsukele."

4 Bamise ookumkani, bengaveli kum; benze abathetheli, ndingazi mna; isilivere yabo negolide yabo bayenze izithixo, ukuze inqanyulwe."

5 Ithole lakho liyanuka, Samari: umsindo wam uyavutha kubo; kunini na bengakwazi ukuziphatha msulwa?"

6 Ngokuba nalo elo liphuma kwaSirayeli; lenziwe yingcibi, aliThixo lona; ke liya kucoleka ithole lakwaSamari."

7 Ngokuba behlwayele umoya, baya kuvuna isaqhwithi. Akukho zimba kuwo; isithombo asenzi sikhwebu; nokuba besithe saba naso, besiya kudliwa ngabasemzini."

8 Uginyiwe uSirayeli; ngoku basezintlangeni njengempahla engananziweyo."

9 Kuba bona banyuke baya eAsiriya, njenge-esile lasendle lihamba lilodwa, lahlukile; ke yena uEfrayim uziqeshile izitharudane."

10 Nakuba beqesha nokuqesha ezintlangeni, ndiya kubabutha ngoku, baqale banciphe ngenxa yomthwalo wokumkani wabathetheli."

11 Kuba uEfrayim uzandisile izibingelelo zokona; kuye izibingelelo zaba zezokona."

12 Ndimbhalela into eninzi yemiyalelo yam; bayicingela into engento."

13 Imibingelelo yezipho zam bayayibingelela, bayidla ngokwenyama; ke ayakholeka kuYehova; ngokunje uya kubukhumbula ubugwenxa babo, azivelele izono zabo; baya kubuyela bona eYiputa."

14 Kuba uSirayeli wamlibala uMenzi wakhe, wakha amabhotwe; uYuda wayandisa imizi enqatyisiweyo. Ke mna ndiya kuthumela umlilo emizini yakhe, uzidle iingxande zakhe ezinde."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado