Zacarias 2

GL_XHOSA

1 Ndaphakamisa amehlo am, ndakhangela, Nanko umntu ephethe ngesandla ulutya lokulinganisa."

2 Ndathi ke, Uya ngaphi na? Wathi kum, Ndiya kulinganisa iYerusalem, ndibone ukuba bungakanani na ububanzi bayo, bungakanani na ubude bayo."

3 Naso ke isithunywa esibe sithetha nam siphuma, kuphuma nesinye isithunywa, sisiya kusikhawulela."

4 Sathi kuso, Gidima, uthethe nalaa ndodana, uthi, IYerusalem iya kuhlala ngokwamaphandle, ngenxa yobuninzi babantu neenkomo eziphakathi kwayo."

5 Ndiya kuba ludonga lomlilo kuyo mna ngeenxa zonke, utsho uYehova; ndibe bubuqaqawuli phakathi kwayo."

6 Wenani! wenani! Sabani ezweni langasentla, utsho uYehova; ngokuba ndiniphangalalisa njengemimoya yomine yezulu; utsho uYehova."

7 Wa, Ziyon! Zisindise, wena uhleli nentombi enguBhabheli."

8 Ngokuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Undithume ukuphuthuma uzuko ezintlangeni ezanibhunyulayo; ngokuba onichukumisayo, uchukumisa ukhozo lweliso lakhe."

9 Ngokuba, uyabona, ndiya kulingisa ngesandla sam kuzo, zibe ngamaxhoba kwababezikhonza; nazi ukuba uYehova wemikhosi undithumile."

10 Memelela uvuye, ntombi inguZiyon; ngokuba, uyabona, ndiyeza, ndihlale phakathi kwakho; utsho uYehova."

11 Kuya kuthelela kuYehova iintlanga ezininzi ngaloo mini, zibe ngabantu bam, ndihlale phakathi kwakho; wazi ukuba uYehova wemikhosi undithumele kuwe."

12 UYehova uya kumdla ilifa uYuda, isahlulo sakhe emhlabeni ongcwele, abuye ayinyule iYerusalem."

13 Mayithi tu yonke inyama phambi koYehova; ngokuba esukile ekhayeni lakhe elingcwele."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado