Salmos 95

GL_XHOSA

1 Yizani simemelele kuYehova, Sidume kwiliwa lokusindiswa kwethu."

2 Masize phambi kobuso bakhe sinombulelo, Masidume kuye ngeengoma."

3 Ngokuba uThixo omkhulu nguYehova, NguKumkani omkhulu ngaphezu koothixo bonke."

4 Uzisesandleni sakhe iingontsingontsi zehlabathi, Neencopho zeentaba zezakhe."

5 Ulolwakhe ulwandle, nguyena walwenzayo; Nomhlaba owomileyo zawubumba izandla zakhe."

6 Yizani, masiqubude, siguqe, Sithobe phambi koYehova umenzi wethu."

7 Ngokuba nguThixo wethu yena, Thina ke singabantu bokwaluswa nguye, nezimvu zesandla sakhe. Namhla, ukuba ninokuliva izwi lakhe,"

8 Musani ukuyenza lukhuni intliziyo yenu, njengaseMeribha, Njengemini yaseMasa entlango;"

9 Oko bandilingayo ooyihlo. Bandicikida, bewubona umsebenzi wam."

10 Iminyaka yaba ngamashumi amane ndikruqukile sesi sizukulwana, Ndathi, Ngabantu abantliziyo zindwendwayo, Abazazi iindlela zam bona;"

11 Endada ndafunga ndinomsindo, ukuthi, Inene, abasayi kungena ekuphumleni kwam."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado