Salmos 84

GL_XHOSA

1 Kumongameli; ngolwaseGati. Eyoonyana bakaKora. Umhobe. Hayi, ukuthandeka kweminquba yakho, Yehova wemikhosi!"

2 Umphefumlo wam ulangazelela, uyaphela kukuzilangazelela, iintendelezo zikaYehova; Intliziyo yam nenyama yam imemelela kuThixo ophilileyo."

3 Intakana le ifumene ikhaya; Inkonjane izifumanele indlu, Apho izalela khona amathole ayo: Izibingelelo zakho, Yehova wemikhosi, Kumkani wam, Thixo wam."

4 Hayi, uyolo lwabahlala endlwini yakho! Basaya kukudumisa. (Phakamisani.)"

5 Hayi, uyolo lwabantu abamandla akuwe, Abakhumbula umendo oya eZiyon!"

6 Bephumela entilini yemithi yeBhaka, Bayenza ibe nemithombo; Ewe, imvula iyithi wambu ngentsikelelo."

7 Baya besomelela ngokomelela; Babonakala phambi koThixo eZiyon, bathi,"

8 Yehova, Thixo wemikhosi, Wuve umthandazo wam, Wubekele indlebe, Thixo kaYakobi. (Phakamisani.)"

9 Khangela, Thixo, ngweletshetshe yethu, Ubukhangele ubuso bomthanjiswa wakho."

10 Ngokuba imini enye ezintendelezweni zakho ilungile kunewaka; Ndinyule ukuba semnyango endlwini kaThixo wam, Kunokuhlala ngaphakathi kweentente zokungendawo."

11 Ngokuba ulilanga, uyingweletshetshe uYehova uThixo, UYehova uyababala azukise; Abahamba ngokugqibeleleyo akabavimbi nto ilungileyo."

12 Yehova wemikhosi, Hayi, uyolo lomntu okholose ngawe!"

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado