1 Kumongameli: ngolwaseGati. Umhobe kaDavide. Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke! Wena uwambathise amazulu ngendili yakho."
2 Emlonyeni wabantwana nabanyayo useke amandla, Ngenxa yababandezeli bakho, Ukuze udambise utshaba nophindezelayo."
3 Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, Inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo:"
4 Uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo?"
5 Umsilelise kancinane ebuThixweni, Wamthi jize ngobuqaqawuli nangobungangamela."
6 Umphathise ubukhosi phezu kwemisebenzi yezandla zakho, Zonke izinto uzibeke phantsi kweenyawo zakhe:"
7 Impahla emfutshane, neenkomo zonke ziphelele, Kwaneenyamakazi zonke;"
8 Iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle, Into ehamba ngeendlela zolwandle."
9 Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke!"