Salmos 65

GL_XHOSA

1 Kumongameli. Umhobe kaDavide. Ingoma. Ukuthozama kuyindumiso kuwe, Thixo, eZiyon; Sizaliswa kuwe isibhambathiso."

2 Wena mphulaphuli wemithandazo, Iza kuwe inyama yonke."

3 Zindoyisile nje iindawo zobugwenxa, Ukreqo lwethu uyaluxolela wena ngocamagushelo."

4 Hayi, uyolo lomnyulayo, umsondeze Ukuba ahlale ezintendelezweni zakho! Siya kuzihluthisa ngokulunga kwendlu yakho, Kwetempile yakho engcwele."

5 Usiphendula ngezenzo ezoyikekayo zobulungisa, Thixo osisindisayo; Nkoloseko yeziphelo zonke zehlabathi, neyolwandle olukude;"

6 Ulozinzisa iintaba ngamandla akhe, Ebhinqe ubugorha;"

7 Ulodambisa ukugquma kweelwandle, ukugquma kwamaza azo, Nokuxokozela kwezizwe."

8 Bayayoyika imiqondiso yakho abemi beziphelo zehlabathi. Umemelelisa ukuvela kokusa nokuhlwa."

9 Uwuvelele umhlaba, wawunyela, Wawutyebisa kakhulu. Umjelo kaThixo uzele ngamanzi: Walungisa ingqolowa yabo, ngokuba uwenjenje ukuwulungisa."

10 Useza ihluthe imisele yawo; Unyakamisa imiqela yawo. Uthambisa ngeziphango; Usikelela izilimo zawo."

11 Uwuthwesile umnyaka wokulunga kwakho, Imikhondo yakho itsitsa ukutyeba."

12 Ayatsitsa amakriwa entlango, Iinduli zizibhinqise umgcobo."

13 Amadlelo anxibe imihlambi yeenkomo; Iintili zambethe ingqolowa. Yonke into iyaduma, yonke into iyavuma."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado