1 Kumongameli. KuYedutun. Umhobe kaDavide. Uthozamele kuThixo kwaphela umphefumlo wam; Kuvela kuye ukusindiswa kwam."
2 Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam, Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa kakhulu."
3 Kunini na nisuka indulumbane emntwini? Kunini na nimncinitha nonke niphela, enjengodonga oluzimkayo, enjengothango oluwayo?"
4 Bagqibe kwelokuba bamtyhale bamsuse ekuphakameni kwakhe kuphele; Bakholene namanga; Basikelela elowo ngomlomo, embilinini yabo bayatshabhisa. (Phakamisani.)"
5 Thozamela kuThixo yedwa, mphefumlo wam, Ngokuba livela kuye ithemba lam."
6 Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam, Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa."
7 KunoThixo ukusindiswa kwam nozuko lwam; Iliwa lokunqaba kwam nehlathi lam likuThixo."
8 Kholosani ngaye ngamaxesha onke, nina bantu; Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe. UThixo ulihlathi kuthi. (Phakamisani.)"
9 Bangumphunga kwaphela onyana boluntu, ngamanga oonyana bamadoda; Esikalini bangenyuka, Bangumphunga bephelele."
10 Musani ukukholosa ngokudla abantu, Ningazenzi into engeyanto ngento exhakamfuliweyo. Yakwanda imfuyo, musani ukuyinyamekela."
11 Uthethe nto-nye uThixo, Ezi zinto zimbini ndizivile: Ukuba amandla ngakaThixo,"
12 Nenceba yeyakho, Nkosi yam; Ngokuba uyababuyekeza, elowo ngokwezenzo zakhe."