1 Kumongameli; ngeyenyibiba yesingqino. Eliligugu. EkaDavide. Eyokufundisa: ekulweni kwakhe nama-Aram phakathi kweMilambo nama-Aram aseTsobha; wabuya uYowabhi, wawabulala amaEdom emfuleni wetyuwa, amawaka alishumi elinamabini. Thixo, usihlambile, wasichitha, Waqumba; ngamana wasibuyisa."
2 Ulinyikimisile ilizwe, ulikrazule; Philisa iintanda zalo ngokuba lishukuma."
3 Ubabonisile abantu bakho into elukhuni, Usiseze iwayini ehexisayo."
4 Ubanike ibhanile abakoyikayo, Ukuba bayiphakamise ngenxa yenyaniso. (Phakamisani.)"
5 Ukuze zihlangulwe iintanda zakho, Sindisa ngesandla sakho sokunene, undiphendule."
6 UThixo uthethe engcwele: mandivuyelele, Ndimabe uShekem, ndiyilinganisele intili yaseSukoti."
7 Ngowam uGiliyadi, ngowam uManase, UEfrayim sisigcina-ntloko sam, UYuda yintonga yam yommiselo;"
8 UMowabhi sisitya sam sokuhlambela, Ndiyiphosa kuEdom imbadada yam; Filisti, nkqangaza wena ngam."
9 Ngubani na owondisa emzini wamandla? Ngubani na owondikhaphela kwaEdom?"
10 Asinguwe na, kwawena Thixo, osihlambileyo? Akwaphuma, Thixo, nemikhosi yethu."
11 Sincede kumbandezeli wethu; Alunto yanto usindiso lomntu."
12 NgoThixo siya kweyisa, Wobagqusha yena ababandezeli bethu."