Salmos 6

GL_XHOSA

1 Kumongameli wokubethelwa izinto ezineentambo: ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide. Yehova, musa ukundohlwaya unomsindo, Ungandithethisi unobushushu."

2 Ndibabale, Yehova, ngokuba ndintshwenyile; Ndiphilise, Yehova, ngokuba ekhwankqisiwe amathambo am."

3 Umphefumlo wam ukhwankqiswe kakhulu; Ke wena, Yehova, koda kube nini na?"

4 Buya, Yehova, uwuhlangule umphefumlo wam; Ndisindise ngenxa yenceba yakho."

5 Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula; Kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe?"

6 Ndidiniwe kukugcuma kwam; Ndiludadisa ubusuku bonke ukhuko lwam, Ndiwenza manzi umandlalo wam ngeenyembezi zam."

7 Lonakele kukukhathazeka iliso lam; Laluphele ngenxa yababandezeli bam bonke."

8 Sukani kum, nina nonke basebenzi bobutshinga; Ngokuba uYehova ulivile ilizwi lokulila kwam."

9 Ukuvile uYehova ukutarhuzisa kwam; UYehova umthandazo wam uyawamkela."

10 Ziya kudana, zikhwankqe kakhulu, zonke iintshaba zam; Ziya kubuyiswa zidanile ngephanyazo."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado