Salmos 48

GL_XHOSA

1 Ingoma. Umhobe. Eyoonyana babaKora. Mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene Emzini kaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele."

2 Intle ukuphakama kwayo, yimihlali yehla bathi lonke Intaba yaseZiyon, intlomo yasentla, Umzi woKumkani omkhulu."

3 UThixo, ezingxandeni zawo ezinde, Wazelwa ukuba yingxonde."

4 Kuba nabo ookumkani babenqophisene, Bawela beza kunye;"

5 Bakuthi ukubona, abakhuluma; Bakhwankqa, babaleka buphuthuphuthu;"

6 Babanjwa khona kukuthuthumela, Kukuzibhijabhija njengozalayo."

7 Ngomoya wasempumalanga Uyazivitha iinqanawa zaseTarshishe."

8 Njengoko sikuvileyo, sibone kunjalo Emzini kaYehova wemikhosi, emzini kaThixo wethu: UThixo uyawuzinzisa ngonaphakade. (Phakamisani.)"

9 Sayikhumbula, Thixo, inceba yakho Phakathi kwetempile yakho."

10 Njengoko linjalo igama lakho, Thixo, Lunjalo udumiso lwakho, Kwesa eziphelweni zehlabathi; Isandla sakho sokunene sizele bubulungisa."

11 Mayivuye intaba yaseZiyon, Agcobe amagxamesi akwaYuda, Ngenxa yezigwebo zakho."

12 Yijikelezeni iZiyon, niyizunguleze; Zibaleni iinqaba zayo ezinde."

13 Gqalani ungqameko lomsele wayo; Candani ezingxandeni zayo ezinde; Ukuze nibalisele isizukulwana esizayo,"

14 Ukuba lo Thixo nguThixo wethu ngonaphakade kanaphakade, Yena uya kusikhapha kude kuse ekufeni."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado