1 Umhobe kaDavide, ekubalekeni kwakhe kuAbhisalom unyana wakhe. Yehova, hayi, ukuba baninzi kwabandibandezelayo! Baninzi abasukela phezulu kum."
2 Baninzi abathi kumphefumlo wam, Akunalusindiso kuThixo. (Phakamisani.)"
3 Ke wena, Yehova, uyingweletshetshe kum, Uluzuko lwam, umphakamisi wentloko yam."
4 Ndidanduluka kuYehova ngezwi lam, Andiphendule entabeni yakhe engcwele. (Phakamisani.)"
5 Ndalala phantsi, ndalala ubuthongo; Ndavuka, ngokuba uYehova endixhasa."
6 Andizoyiki izigidi zabantu Abakhe uluhlu lokulwa ngeenxa zonke kum."
7 Khawusuk’ ume, Yehova; ndisindise, Thixo wam; Ngokuba uzibetha zonke iintshaba zam emhlathini; Amazinyo abangendawo uyawaphula."
8 Usindiso lolukaYehova: Mayibe phezu kwabantu bakho intsikelelo yakho. (Phakamisani.)"