Salmos 39

GL_XHOSA

1 Kumongameli, kuYedutun. Umhobe kaDavide. Ndathi, Ndiya kuzigcina iindlela zam, Ndingoni ngolwimi lwam; Ndiya kuwugcina ngokuwubopha umlomo wam, Xa ongendawo asephambi kwam."

2 Ndaba sisidenge, ndathozama, Ndazisulungisa nakokulungileyo; Wagxobha-gxobheka umvandedwa wam."

3 Yaba nobushushu intliziyo yam phakathi kwam, Ekucamangeni kwam wavutha umlilo. Ndathetha ke ngolwimi lwam,"

4 Ndathi, Ndazise, Yehova, isiphelo sam, Nomlinganiso wemihla yam, into oyiyo; Mandikwazi ukunqamka kwam, into okuyiyo."

5 Yabona, uyenze imihla yam yangangobubanzi besandla; Nobomi bam bunjengento engento phambi kwakho; Ngumphunga nje bonke abantu, nakuba bemi. (Phakamisani.)"

6 Uhamba-hamba umntu enjengesithunzi nje kodwa; Baxokozela ngomphunga nje kodwa; Bafumba, bengazi ukuba ngubani na oya kukuhlanganisa."

7 Ngoku ndiya kuthembela kwintoni na, Nkosi yam? Ukulinda kwam kukuwe."

8 Ndihlangule elukreqweni lwam lonke; Musa ukundimisela ingcikivo yesidenge."

9 Ndisisidenge, umlomo wam andiwuvuli, Ngokuba oko kwenziwe nguwe."

10 Sisuse kum isibetho sakho; Mna ndiyaphela kukutyundyutha kwesandla sakho."

11 Wakumthethisa umntu ngezohlwayo ngenxa yobugwenxa, Uyasonakalisa njengenundu isoya sakhe; Bangumphunga nje kodwa bonke abantu. (Phakamisani.)"

12 Yiva umthandazo wam, Yehova, Kubekele indlebe ukuzibika kwam. Musa ukuthi tu ezinyembezini zam; Ngokuba ndingumphambukeli kuwe, Undwendwe, njengoobawo bonke."

13 Bheka phaya, ungandikhangeli, khendincumeze, Ndingekemki ndingabi sabakho."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado