1 EkaDavide. Eyokuqiqa. Hayi, uyolo lwakhe olukreqo luxolelweyo, osono siselelweyo!"
2 Hayi, uyolo lomntu angabubaleliyo uYehova kuye ubugwenxa, Ekungekho kukhohlisa emoyeni wakhe!"
3 Ndithi ndakuthi cwaka, aluphale amathambo am Ngokubhonga kwam imihla yonke."
4 Ngokuba imini nobusuku, besinzima phezu kwam isandla sakho, Baguquka ubumanzi bam, baba kukubalela kwasehlotyeni. (Phakamisani.)"
5 Ndikwazisile isono sam, ubugwenxa bam andabugquma; Ndathi, Ndoluvuma ukreqo lwam kuYehova; Wabuxolela ke wena ubugwenxa besono sam. (Phakamisani.)"
6 Ngenxa yoko mabathandaze kuwe bonke abenceba ngexesha lokukufumana; Inene, ekukhukuleni kwamanzi amaninzi Akayi kufika kubo."
7 Wena uyindawo yokuzimela kwam; uyandilondoloza embandezelweni, Undingqonge ngomemelelo lokusiza. (Phakamisani.)"
8 Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele indlela owohamba ngayo: Ndiya kukucebisa, iliso lam likuwe."
9 Musani ukuba njengamahashe, njengoondlebende, ukungabi nangqondo; Abazivatho zingumkhala, neentambo zokubabopha umlomo; Bengenazo abasayi kusondela kuwe."
10 Mkhulu umvandedwa wongendawo; Ke okholosa ngoYehova, yena uya kumjikela ngenceba."
11 Vuyani kuYehova, nigcobe, nina malungisa, Nimemelele, nina nonke bantliziyo zithe tye."