1 Umhobe: ingoma yokusungulwa kwayo indlu. EkaDavide. Ndiya kukuphakamisa, Yehova, kuba undirholile wandinyusa, Akwazivuyisa iintshaba zam ngam."
2 Yehova, Thixo wam, Ndazibika kuwe, wandiphilisa;"
3 Yehova, uwunyusile kwelabafileyo umphefumlo wam, Wandidlisa ubomi, ukuba ndingehli ndiye emhadini."
4 Mbetheleni uhadi uYehova, nina bakhe benceba, Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele,"
5 Ngokuba yinto yephanyazo umsindo wakhe, Itarhu lakhe liyinto yobomi; Ngokuhlwa kulalisa ukulila, Kusasa kubakho ukumemelela."
6 Ke mna ndathi ebunqobeni bam, Andiyi kushukunyiswa naphakade."
7 Yehova, enkolosekweni yakho ubuyiqinisile intaba yam; Ubusithelisile ubuso bakho, ndakhwankqiswa."
8 Ndadanduluka kuwe, Yehova, Ndakhunga kuYehova:"
9 Ndathi, Kukho nzuzo yani na egazini lam, ekuhleni kwam ndiye esihogweni? Lokudumisa na uthuli? loyixela na inyaniso yakho?"
10 Yiva, Yehova, undibabale; Yehova, yiba ngumncedi wam."
11 Wakuguqula ukulila kwam, kwaba kukuqamba; Wandikhulula ezirhwexayo, wandibhinqisa uvuyo,"
12 Ukuze uzuko lwam luvume ngawe, lungathi cwaka. Yehova, Thixo wam, ndiya kubulela kuwe ngonaphakade."