1 EkaDavide. Ndidanduluka kuwe, Yehova; Liwa lam, musa ukuzenza isithulu; Hleze, wakuthi cwaka kum, Ndifane nabahla baye emhadini."
2 Yiva izwi lokukhunga kwam ekuzibikeni kwam kuwe, Ekuziphakamiseleni kwam izandla zam kwingcwele kangcwele."
3 Musa ukundiqweqwedisa nabangendawo, Nabenzi bobutshinga; Abathetha uxolo kummelwane wabo, Benobubi ezintliziyweni zabo."
4 Banike ngokwemisebenzi yabo, ngokobubi beentlondi zabo; Banike ngokwezenzo zezandla zabo; Babuyisele ngokwempatho yabo."
5 Ekubeni bengayiqondi imisebenzi kaYehova, Nezenzo zezandla zakhe, Uya kubagungxula, angabakhi."
6 Makabongwe uYehova, Kuba elivile ilizwi lokukhunga kwam."
7 NguYehova amandla am nengweletshetshe yam; Yakholosa ngaye intliziyo yam, ndancedeka. Iyadlamka ke intliziyo yam, Ndiyamdumisa ngengoma yam."
8 UYehova ungamandla kubo; Uligwiba losindiso kumthanjiswa wakhe yena."
9 Sindisa abantu bakho, Usikelele ilifa lakho, Ubaluse, ubathwale kude kuse ephakadeni."