1 Kumongameli. Umhobe kaDavide. Yehova, uvuyile ngamandla akho ukumkani, Asikuko nokuba uyagcoba ngosindiso lwakho!"
2 Umnike umnqweno wentliziyo yakhe Akwasilandula isicelo somlomo wakhe. (Phakamisani.)"
3 Ngokuba umkhawulela ngeentsikelelo zokulungileyo, Umthwesa isithsaba segolide engcwengekileyo."
4 Wacela ubomi kuwe, wampha, Wamnika imihla emide ngonaphakade kanaphakade."
5 Lukhulu uzuko lwakhe ngosindiso lwakho; Ubeka phezu kwakhe indili nobungangamela."
6 Ngokuba umenze waba yintsikelelo ngonaphakade, Umvuyisa ngovuyo ebusweni bakho."
7 Ngokuba ukumkani ukholose ngoYehova, Ngenceba yOsenyangweni akayi kushukunyiswa."
8 Isandla sakho siya kuzifumana zonke iintshaba zakho, Esokunene sakho siya kubafumana abakuthiyayo."
9 Uya kubenza babe njengeziko lomlilo, wakubonakala. UYehova uya kubaginya ngomsindo wakhe, Nomlilo ubadle."
10 Uya kusitshabalalisa isiqhamo sabo emhlabeni, Imbewu yabo koonyana babantu."
11 Ngokuba bakuthobela ububi, Bacinga iyelenqe; abayi kufeza nto."
12 Ngokuba uya kubenza bakunikele umhlana; Ngesaphetha sakho uya kuxuna iintolo zakho ebusweni babo."
13 Phakama, Yehova, ngamandla akho; Siya kuvuma sibethe uhadi ngobugorha bakho."