Salmos 16

GL_XHOSA

1 Eyona iligugu likaDavide. Ndigcine, Thixo, ngokuba ndizimela ngawe."

2 Ndithe kuYehova, UyiNkosi yam, Andinanto indilungeleyo ngaphezu kwakho."

3 Ndithe kwabangcwele abasehlabathini, Bona bazizinhanha apho, kukhona konke endikunanzileyo."

4 Ziya kwanda iimbulaleko zabo bamananisa ngathixo wumbi uYehova. Andiyi kuyithulula iminikelo yabo ethululwayo yegazi; Andiyi kuwaphatha amagama abo ngomlomo wam."

5 NguYehova isahlulo endasabelwayo, nendebe endayabelwayo; Ulenze banzi ilifa lam."

6 Amacandelo andiwele ezindaweni ezimnandi; Hee! Ndide ndaba nelifa elihle."

7 Ndiya kumbonga uYehova ondinike icebo; Nasebusuku ziyandithethisa izintso zam."

8 Ndimmisile uYehova phambi kwam amaxesha onke; Ngokuba esekunene kum nje, andiyi kushukunyiswa."

9 Ngako oko iyavuya intliziyo yam, luyagcoba uzuko lwam: Nenyama yam iya kuhlala ikholosile."

10 Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo; Akuyi kumyekela owakho wenceba ukuba abonane nesihogo."

11 Uya kundazisa umendo wobomi; Ebusweni bakho yinzaliseko yemivuyo; Ekunene kwakho yimihlali ngonaphakade."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado