1 Kumongameli. EkaDavide. Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo. Bonakalisile, balisikizi ngeentlondi zabo; Akukho wenza okulungileyo."
2 UYehova esemazulwini uqondele koonyana babantu, Ukubona ukuba ukho na oqiqayo, Oquqela kuThixo."
3 Bonke batyekile, bayimbozisa bephelele; Akukho wenza okulungileyo, Akukho nokuba abe mnye."
4 Abanakwazi na bonke abasebenzi bobutshinga, Abathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka, Bangamnquli uYehova?"
5 Apho bankwantya benkwantyile; Ngokuba uThixo usesizukulwaneni samalungisa."
6 Icebo losizana ningalidanisa, Kodwa uYehova ulihlathi lalo."
7 Akwaba bekuvela eZiyon ukusindiswa kwamaSirayeli! Ekubabuyiseni kukaYehova abantu bakhe ekuthinjweni, Wogcoba uYakobi, avuye uSirayeli."