1 Bulelani kuYehova, ngokuba elungile: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
2 Bulelani kuThixo woothixo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
3 Bulelani kuNkosi kankosi: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
4 KuloMenzi wemisebenzi ebalulekileyo emikhulu yedwa: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
5 KuloMenzi wezulu ngengqondo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
6 KuloMtwabululi wehlabathi phezu kwamanzi: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
7 KuloMenzi wezikhanyiso ezikhulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;"
8 Ilanga lilawule emini: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;"
9 Inyanga neenkwenkwezi zilawule ebusuku: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
10 Kulowabulala amaYiputa kumazibulo awo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
11 Wawakhupha amaSirayeli phakathi kwawo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
12 Ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
13 KuloMgabuli woLwandle oluBomvu, lwagabuka: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
14 Wawaweza amaSirayeli esazulwini salo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
15 Wamvuthululela uFaro nempi yakhe eLwandle oluBomvu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
16 Kulohambisa abantu bakhe entlango: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
17 Kulowaxabela ookumkani abakhulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
18 Wabulala ookumkani abaziingangamsha: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;"
19 USihon, ukumkani wama-Amori: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;"
20 No-Ogi, ukumkani waseBhashan: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
21 Walinikela ilizwe labo laba lilifa: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe,"
22 Laba lilifa kuSirayeli umkhonzi wakhe: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
23 Owasikhumbulayo ebuphantsini bethu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
24 Wasihlangula kwabasibandezelayo: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
25 Ulonika into yonke ephilileyo ukudla: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."
26 Bulelani kuThixo wamazulu: Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe."