1 Ingoma yezinyuko. Hayi, uyolo lwabantu bonke abamoyikayo uYehova, Abahamba ngeendlela zakhe!"
2 Ukuxelenga kwezandla zakho inene uya kukudla, Uya kuba noyolo wena, kulunge kuwe."
3 Umkakho woba njengomdiliya oqhamayo Endlwini yakho ngaphakathi; Oonyana bakho babe njengezithole zomnquma Ngeenxa zonke esithebeni sakho."
4 Yabona, unjalo ukusikelelwa umfo Omoyikayo uYehova."
5 Makakusikelele uYehova eZiyon. Uyibone iYerusalem inenyhweba Yonke imihla yobomi bakho;"
6 Ubone abantwana babantwana bakho. Malube luxolo kuSirayeli."