1 Ingoma yezinyuko. Ndiwaphakamisele ezintabeni na amehlo am? Luya kuvela phi na uncedo lwam?"
2 Uncedo lwam luvela kuYehova, UMenzi wezulu nehlabathi."
3 Akayi kukha alunikele unyawo lwakho ekutyibilikeni; Akayi kukha ozele umgcini wakho."
4 Uyabona, akozeli, akalali, UMgcini kaSirayeli."
5 NguYehova umgcini wakho, NguYehova umthunzi wakho ekunene kwakho."
6 Emini ilanga aliyi kukwenzakalisa, Nenyanga ebusuku."
7 UYehova uya kukugcina ebubini bonke, Uya kuwugcina umphefumlo wakho."
8 UYehova uya kukugcina ukuphuma kwakho nokungena kwakho, Kususela ngoku kude kuse ephakadeni."