1 Kumongameli: ngelamadoda ilizwi. Umhobe kaDavide. Sindisa, Yehova, ngokuba uphelile owenceba, Ngokuba bathe shwaka abanyanisileyo koonyana babantu."
2 Bathetha inkohlakalo omnye nomnye; Bathetha ngomlomo ogudileyo, nangentliziyo embaxa."
3 Ngamana uYehova angayinqumla yonke imilebe yomlomo ogudileyo, Ulwimi oluthetha izinto ezinkulu;"
4 Abathe, Ulwimi lwethu siyalupheza; Imilomo yethu yeyethu; ngubani na oyinkosi kuthi?"
5 Ngenxa yokubhuqwa kweentsizana, ngenxa yokuncwina kwamahlwempu, Ndiya kusuka ndime ngoku, utsho uYehova; Ndiya kumbeka elusindisweni lowo ululangazelelayo."
6 Amazwi kaYehova ngamazwi acocekileyo, Yisilivere enyibilikiselwe eziko, yela emhlabeni, Ehluzwe kasixhenxe."
7 Wena, Yehova, uya kubagcina, Uya kubalondoloza kwesi sizukulwana ngonaphakade."
8 Abangendawo bahambahamba ngeenxa zonke, Xa kuphakanyiswe abangeni phakathi koonyana babantu."