1 Nyana wam, ukuba uthe wazamkela iintetho zam, Wayiqwebela kuwe imithetho yam,"
2 Ukuze uyibazele ubulumko indlebe yakho, Uyithobele ukuqonda intliziyo yakho;"
3 Ewe, ukuba uthe wayibiza ingqondo, Walisa ekuqondeni ilizwi lakho;"
4 Ukuba uthe wabufuna njengesilivere, Wabumba njengobutyebi obuselelweyo:"
5 Uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, Ukufumane ukumazi uThixo,"
6 Ngokuba uYehova upha ubulumko; Emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda."
7 Ubaqwebela uzimaso abathe tye, Uyingweletshetshe kwabahamba ngengqibelelo,"
8 Ukuze alondoloze umendo wesiko, Agcine nendlela yabakhe benceba."
9 Uya kwandula uqonde ubulungisa, Nesiko, nokuthe tye, nayo yonke imikhondo yokulungileyo;"
10 Kuba ubulumko buya kungena entliziyweni yakho, Ukwazi kwenze mnandi umphefumlo wakho."
11 Ukunkqangiyela kokugcina, Ukuqonda kokulondoloza;"
12 Ukuba kukuhlangule endleleni embi, Kubantu abathetha impenduka;"
13 Kwabashiya umendo wokuthe tye, Ukuze bahambe ngeendlela zobumnyama;"
14 Kwabavuyela ukwenza ububi, Bagcobe ngeempenduka zabenza ububi;"
15 Abamendo ujibilizayo, Abathi gu bucala ngemikhondo yabo;"
16 Ukuze uhlangulwe kumkamntu, Kowolunye uhlanga, ontetho yakhe igudileyo;"
17 Lowo ushiya ikholwane lobutsha bakhe, Awulibale umnqophiso woThixo wakhe."
18 Kuba utshona ekufeni nendlu yakhe, Nemikhondo yakhe itshonela kwabangasekhoyo;"
19 Bonke abangenayo kuye ababuyi, Abafiki kumendo wobomi:"
20 Ukuze uhambe ngendlela yabalungileyo, Ugcine umendo wamalungisa."
21 Ngokuba abathe tye baya kulima ilizwe, Basale kulo abagqibeleleyo,"
22 Banqunyulwe ezweni abangendawo, Abanginizayo bancothulwe kulo."