Oséias 11

GL_XHOSA

1 Oko uSirayeli ebemncinane, ndamthanda, ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa."

2 Bababiza, kwaba kukhona bemkayo ebusweni babo; babingelela kooBhahali, baqhumisela kwimifanekiso eqingqiweyo."

3 Mna ke ndamfundisa uEfrayim ukuhamba, ndibaphatha ngeengalo zam; abazanga noko, ukuba ndabaphilisa."

4 Ndabatsala ngezintya zomntu, ngeentsontelo zothando; kubo ndaba njengomnyinyisi wedyokhwe emihlathini yabo, ndathantamisa ukumnika ukudla."

5 Akayi kubuyela ezweni laseYiputa; nguAsiriya ukumkani wakhe; kuba abavumanga ukubuya."

6 Ikrele liya kuyijikeleza imizi yakhe, liyigqibele imivalo yakhe, liyidle, ngenxa yamacebo abo."

7 Abantu bam baphikele ukubuya umva kum; nakuba bebizelwa phezulu, abaziphakamisi mpela."

8 Ndingathini na ukukulahla, Efrayim? ndikuncame, Sirayeli? Ndingathini na ukukulahla njengeAdama, ndikwenze ube njengeTsebhoyim? Intliziyo yam iphethukile phakathi kwam, ububele bam buvuthile kunye."

9 Andiyi kukwenza ukuvutha komsindo wam, andiyi kubuya ndimonakalise uEfrayim; ngokuba ndinguThixo, andimntu; ndingoyiNgcwele phakathi kwakho; andizi ndishushu ngamsindo."

10 Baya kumlandela uYehova; uya kubharhula njengengonyama; kuba yena uya kubharhula, bavele entshonalanga oonyana, begubha."

11 Baya kuvela eYiputa, begubha njengeentaka, bavele ezweni laseAsiriya njengamavukuthu, ndibabeke ezindlwini zabo; utsho uYehova."

12 UEfrayim undirhawule ngobuxoki, indlu kaSirayeli ngenkohliso; noYuda usengumqhathu kuThixo, koyiNgcwele, onyanisileyo."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado