1 Athi ke, abo bacinga ubutshinga, basebenze ububi ezililini zabo! abathi ekukhanyeni kwengomso babenze, ngokuba isandla sabo singuthixo wabo."
2 Banqwenela amasimi, bawahluthe; kwanezindlu, bazithabathe; bacudisa umfo nendlu yakhe, indoda nelifa layo."
3 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndicinga ububi ngale mizalwane, eningayi kuzirhola iintamo zenu kubo, ningahambi niqhankqalaza; kuba lixesha lobubi."
4 Ngaloo mini kuya kwenziwa umzekeliso ngani, bameme isimema, kuthiwe, Kwenzekile; sibhuqiwe sabhuqwa. Isahlulo sabantu bakowethu usananisile; hayi, ukusisusa kwakhe kum! amasimi ethu uwabela amaphamba."
5 Ngako oko akuyi kuba naye okuphosela ulutya kwiqashiso ebandleni likaYehova."
6 Bathi, Musani ukuwisa intetho, bewisa intetho; ukuba abathe bawisa intetho kubo abo, akayi kubuya umva amahlazo."
7 Wena kuthiwa uyindlu kaYakobi, uyazekaneka na uMoya kaYehova? kukwenza kwakhe na oku? Akalungisi na amazwi am kohamba ngokuthe tye?"
8 Izolo eli abantu bam basuke ngokotshaba; nibahluba ingubo ende yokwaleka kwengaphantsi, abadlula bekholosile, bengathandi kulwa."
9 Abafazi babantu bam niyabagxotha ezindlwini zeziyolo zabo; ebantwaneni babo nizithabathile izivatho zam ngonaphakade."
10 Sukani, nihambe; kuba asiyiyo indawo yokuphumla kwenu le; ngenxa yobunqambi bayo obonakalisayo, obonakalisayo kakhulu."
11 Ukuba bekukho umntu ohamba nomoya, exokisa ngamanga, esithi, Ndiya kuwisa intetho kuwe ngokusingisele kwiwayini, nakwisiselo esinxilisayo, ubeya kuba ngumwisi-ntetho kwaba bantu."
12 Ndiya kukuhlanganisa okunene, Yakobi, uphela; okunene ndiya kuwabutha amasalela akwaSirayeli; ndiya kubenza babe banye, njengempahla emfutshane yaseBhotsera, njengomhlambi ophakathi kwedlelo lawo; baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabantu."
13 Unyuke phambi kwabo umgqobhozi; bayagqobhoza, bayangena esangweni, bayaphuma kwangalo; ukumkani wabo uhamba phambi kwabo, uYehova esentloko kubo."