Isaías 35

GL_XHOSA

1 Inemihlali intlango nomqwebedu; iyagcoba inkqantosi, iyadubula njengomfiyo."

2 Iyatyatyamba, ithi rhoqo; iyagcoba, ewe, iyagcoba, imemelele, inikwe ubuqaqawuli beLebhanon, ubungangamela beKarmele neSharon; ezo ndawo ziya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ubungangamela boThixo wethu."

3 Yomelezani izandla eziwileyo, niwaqinise amadolo agexayo."

4 Yithini kwabantliziyo zingxamayo, Yomelelani, ningoyiki. Yabonani, uThixo wenu uyeza enempindezelo, enembuyekezo kaThixo; uya kuza yena anisindise."

5 Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu;"

6 size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge; ngokuba kuya kugqobhoka amanzi entlango, nemilambo enkqantosini;"

7 isanga sibe lidike, neendawo ezinxaniweyo zimpompoze amanzi. Esikhundleni sempungutye, apho ibuthuma khona, kuya kuba butyani neengcongolo nemikhanzi."

8 Kuya kubakho umendo khona, kubekho indlela, kuthiwe ukubizwa kwayo, yindlela engcwele le. Akuyi kudlula nto iyinqambi ngayo; yeyabo yona: abahamba loo ndlela— nabazizihula abayi kulahleka kuyo."

9 Akuyi kubakho ngonyama khona, aliyi kuqabela khona irhamncwa eliqwengayo; aliyi kufunyanwa khona; kuya kuhamba khona abakhululwe ngokuhlawulelwa;"

10 abakhululwa bakaYehova babuye beze eZiyon bememelela; benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nosizi."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado