1 Uya kuthi wena ngaloo mini, Ndiyabulela kuwe, Yehova, ngokokuba ubundiqumbele, waza wabuya umsindo wakho, wandithuthuzela wena."
2 Yabona, uThixo ukukusindiswa kwam; ndikholosile, andikwantyi; ngokokuba iqhayiya lam nengoma yam nguYa, nguYehova obuye waba lusindiso kum."
3 Ngoko ke niya kukha amanzi ninemihlali emithonjeni yosindiso;"
4 nithi ngaloo mini, Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, zaziseni ezizweni izenzo zakhe, izenzo zakhe ezincamisayo; likhankanyeni igama lakhe ukuba liyingxonde."
5 Mbetheleni uhadi uYehova; ngokuba enze ngobungangamsha; makwazeke oko ehlabathini lonke."
6 Tsholoza umemelele, wena mmi waseZiyon; ngokuba mkhulu phakathi kwakho oyiNgcwele kaSirayeli."