1 Wathetha uYehova kuMoses esithi,"
2 Khangela, ndibize ngegama uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda;"
3 ndamzalisa ngomoya kaThixo, ngobulumko, nangokuqonda, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke;"
4 ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu,"
5 nangokukrola amatye, awafake, nangokukrola imithi, asebenze amashishini onke."
6 Yabona, mna ndimkhuphe kunye noAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan; nasezintliziyweni zabo bonke abalumkileyo entliziyweni ndibeke ubulumko, ukuza bazenze zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo:"
7 intente yokuhlangana, netyeya yesingqino, nesihlalo sokucamagusha esiphezu kwayo, nempahla yonke yentente,"
8 netafile nempahla yayo, nesiphatho sezibane esicocekileyo, nempahla yaso yonke, nesibingelelo sokuqhumisela,"
9 nesibingelelo sedini elinyukayo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;"
10 nezambatho zokubusa, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela;"
11 neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi sengcwele; benze njengako konke endikuwisele umthetho ngako."
12 Wathetha uYehova kuMoses esithi,"
13 Wena, thetha koonyana bakaSirayeli uthi, Inene, iisabatha zam zigcineni; kuba zingumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana zenu, ukuze nazi ukuba ndinguYehova oningcwalisayo;"
14 niyigcine isabatha, kuba ingcwele kuni. Lowo uyihlambelayo wobulawa afe; kuba bonke abo basebenza umsebenzi ngayo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebantwini bakowayo."
15 Imihla emithandathu wosebenza umsebenzi ngayo, ke umhla wesixhenxe yisabatha kasabatha, ingcwele kuYehova; bonke abo basebenza umsebenzi ngomhla wesabatha, bobulawa bafe."
16 Oonyana bakaSirayeli mabayigcine ke isabatha, bayenze isabatha kwizizukulwana zabo: ingumnqophiso ongunaphakade."
17 Phakathi kwam noonyana bakaSirayeli, ngumqondiso ongunaphakade; kuba imihla emithandathu uYehova wenza izulu nomhlaba, waphumla ngomhla wesixhenxe, waphefumla."
18 Akukhova ukuthetha naye entabeni yaseSinayi, wamnika uMoses amacwecwe amabini esingqino, amacwecwe amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo."