1 Ndingumfiyo waseSharon, Ndiyinyibiba yasezintlangeni."
2 Njengenyibiba phakathi kweminga, Unjalo uwethu phakathi kweentombi."
3 Njengomapile phakathi kwemithi yehlathi, Injalo intanda yam phakathi koonyana. Ndanqwena, ndahlala phantsi emthunzini wawo, Nesiqhamo sawo sanencasa ekhuhlangubeni lam."
4 Indingenise endlwini yewayini, Nebhanile yayo phezu kwam luthando."
5 Ndixhaseni ngezicumba zeerasintyisi, Ndisekeleni ngeeapile; ngokuba ndisifa luthando."
6 Isandla sayo sokhohlo siphantsi kwentloko yam; Esokunene siyandiwola."
7 Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisa Amabhadikazi namaxhamakazi asendle, Ukuba ningaluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando, Lude luthande."
8 Phulaphulani! Intanda yam, nantso isiza, Itsiba ezintabeni, isuka imitsi ezindulini."
9 Intanda yam ifana nebhadi, nenkonyana yexhama. Nantso imi emva kodonga lwakokwethu, Ithe nzo ngeefestile, Inyondla ngekroba."
10 Intanda yam yasusela, yathi kum, Suk’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze;"
11 Ngokuba uyabona, ubusika budlule, Imvula igqithile yemka;"
12 Iintyantyambo zibonakele ezweni; Ixesha lokuntyiloza kweentaka lifikile; Izwi lehobe ivakele ezweni lethu;"
13 Umkhiwane ukrwala amakhiwane awo, Imidiliya ityatyambile, Itsho ngevumba elimnandi. Suk’ ume, wethu, nzwakazi yam, uze."
14 Vukuthu lam elisemxawukeni wengxondorha, entsithelweni yemiba, Ndibonise ubuso bakho, ndivise ilizwi lakho; Ngokuba izwi lakho limnandi, ubuso bakho bunomkhitha."
15 Sibambeleni iimpungutye, iimpungutye ezincinane ezonakalisa izidiliya; Izidiliya zethu zityatyambile."
16 Intanda yam yeyam, mna ke ndingowayo Yalusela ezinyibibeni."
17 Ide iphole imini, oluke amathunzi, Jika, ntanda yam, uxelise ibhadi, uxelise inkonyana yexhama, Ezintabeni ezibugqagala."