Apocalipse 15

GL_XHOSA

1 Ndabona ezulwini omnye umqondiso omkhulu, ongummangaliso; izithunywa zezulu ezisixhenxe zinazo izibetho ezisixhenxe zokugqibela; ngokuba wazaliseka umsindo kaThixo ngazo."

2 Ndabona ngathi lulwandle lwegilasi, luphithikezene nomlilo; nabo bavela beloyisile irhamncwa, nomfanekiselo walo, nophawu lwalo, nenani legama lalo, bemi ngaselwandle lwegilasi, beneehadi zikaThixo."

3 Bayivuma ingoma kaMoses, umkhonzi kaThixo, nengoma yeMvana, besithi: Mikhulu, ingummangaliso imisebenzi yakho, Nkosi, Thixo Somandla; Zinobulungisa, ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani weentlanga."

4 Ngubani na ongekhe akoyike wena, Nkosi, Angalizukisi igama lakho? Ngokuba inguwe wedwa ongcwele; Ngokuba zonke iintlanga ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Ngokuba imisebenzi yakho yobulungisa ibonakalalisiwe."

5 Ndaza emva koko ndabona, nantso ivuliwe itempile yomnquba wobungqina emazulwini."

6 Zaphuma ke etempileni izithunywa zosixhenxe, zinezibetho ezisixhenxe, zambethe ilinen emhlophe eqaqambileyo, ziyibhinqele ezifubeni imibhinqo yegolide."

7 Yathi enye kuzo izinto eziphilileyo zone, yazinika izithunywa ezisixhenxe iingqayi zegolide ezisixhenxe, zizele ngumsindo kaThixo, odla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni."

8 Yazala itempile ngumsi ophuma ebuqaqawulini bukaThixo, nasemandleni akhe; kwaye kungekho namnye unako ukungena etempileni, zada zazaliseka izibetho zosixhenxe zezithunywa zosixhenxe."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado