1 Timóteo 4

GL_XHOSA

1 Ke kaloku uMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon;"

2 imka nohanahaniso lwabathetha ubuxoki, betshiswe isazela sabo ngentsimbi;"

3 bengavumi ukuba kuzekwe, nokuba kudliwe izinto ezadalwa nguThixo, ukuze zamkelwe ngombulelo ngabo bakholwayo, bayaziyo inyaniso."

4 Ngokuba sonke isidalwa sikaThixo sihle; asiyonto yakulahlwa, ukuba samkelwe ngombulelo;"

5 kuba singcwaliswa ngalo ilizwi likaThixo nangezibongozo."

6 Ukuba uthe ezi zinto wazibeka phambi kwabazalwana, woba ngumlungiseleli omhle kaYesu Kristu, wondliwe ngamazwi okholo, nawemfundiso entle oyilandelayo."

7 Ke zona iintsomi ezihlambelayo zamaxhegokazi zimangale. Ziqhelise ukuhlonela uThixo."

8 Kuba eyeyomzimba ingqeqesho inceda kancinane; ke kona ukuhlonela uThixo kunceda ngako konke, kunedinga lobomi bakalokunje, nobobo buza kubakho."

9 Lithembekile ilizwi elo, lifanelwe kukwamkelwa konke."

10 Kuba sibulalekela, singcikivelwe oko; ngokuba sithembele kuThixo ophilileyo, onguMsindisi wabantu bonke, ngokukodwa owabakholwayo."

11 Bathethele ezi zinto, ufundise zona."

12 Makungabikho namnye ubudelayo ubuncinane bakho; suka ube ngumzekelo wabakholwayo ngentetho, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu."

13 Nyamekela imfundo, uvuselelo, imfundiso, ndide ndifike."

14 Ungasihilizeli isipho esingokubabalwa, esikuwe; owasinikwayo ngesiprofeto, kunye nokubekwa izandla yintlanganiso yamadoda amakhulu."

15 Zinyamekele ezo zinto, hlala kwezo zinto, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale kwinto yonke."

16 Zilumkele wena nemfundiso yakho; hlala uhleli kwezo zinto; kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado