1 Timóteo 2

GL_XHOSA

1 Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke;"

2 ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni, ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke."

3 Kuba oku kuhle, kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu uThixo;"

4 onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso."

5 Kuba mnye uThixo; mnye nomlamli phakathi koThixo nabantu, umntu uKristu Yesu,"

6 lowo wazinikelayo ukuba abe yintlawulelo yokukhulula abantu bonke; ubungqina ke obo bokungqinwa ngamaxesha angawabo;"

7 endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile (ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki), umfundisi weentlanga elukholweni nasenyanisweni."

8 Ngoko ndinga angathandaza amadoda kuzo zonke iindawo, ephakamisa izandla ezingcwele, engenangqumbo, engenantandabuzo."

9 Kwangokunjalo mabathi nabafazi banxibe iingubo ezifanelekileyo, beneentloni, benesidima, ingabi kukuphotha iinwele, nokunxitywa kwegolide neeperile, nesambatho esixabiso likhulu;"

10 mabathi (ngokufanele abafazi abathi bahlonela uThixo), bavathe imisebenzi elungileyo."

11 Umfazi, ezolile, makafunde ethobele konke."

12 Umfazi ke andimvumeli ukuba afundise, nokuba ayilawule indoda; makazole."

13 Kuba kwabunjwa uAdam kuqala, kwandula ke ukubunjwa uEva."

14 Kanjalo akulukuhlwanga Adam; kulukuhlwe umfazi, waba sekugqitheni."

15 Noko ke wosindiswa ngokuzala, ukuba bathe bema elukholweni, naseluthandweni, nasebungcwaliseni, benesidima."

Ler em outra tradução

Comparar lado a lado